11 UHerode ke, kwanempi yakhe, wamenza into engento, wadlala ngaye, wamthi wambu ngengubo eqaqambileyo, wamthumela kuPilato.
12 Ngaloo mini baba zizihlobo ke uPilato noHerode; kuba ngenxa engaphambili babenobutshaba phakathi kwabo.
13 Ke kaloku uPilato, ebabizele ndawonye ababingeleli abakhulu, nabaphathi bamaYuda, nabantu, wathi kubo,
14 Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna emehlweni enu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo;
15 kwanoHerode, kuba ndanithumela kuye. Nanku ke kungekho nto ifanelwe kukufa, yenziwe nguye.
16 Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
17 Ke kaloku, ubemelwe kukuthi abakhululele umbanjwa abe mnye, imithendeleko ngemithendeleko.