31 Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?
32 Ke kaloku baberhola nabanye abangabámbi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye.
33 Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo.
34 Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo.Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.
35 Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.
36 Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye, esithi,
37 Ukuba wena ungyuye uKumkani wamaYuda, zisindise.