34 Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo.Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.
35 Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.
36 Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye, esithi,
37 Ukuba wena ungyuye uKumkani wamaYuda, zisindise.
38 Kwaye ke kubhalwe nombhalo ngaphezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, LO NGUKUMKANI WAMAYUDA.
39 Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise.
40 Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?