24 Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga.
25 Waza yena wathi kubo, Oyi! baswelikuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthetháyo abaprofeti!
26 UKristu* ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?
27 Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.
28 Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.
29 Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.
30 Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.