27 Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.
28 Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.
29 Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.
30 Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.
31 Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo.
32 Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?
33 Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye nabo babenabo, besithi,