40 Utshilo, wababonisa izandla neenyawo zakhe.
41 Ke kaloku, bakubon' ukuba abakakholwa, ngenxa yovuyo, bemangalisiwe, wathi kubo, Ninanto na idliwayo apha?
42 Bamnika ke intwana yentlanzi eyosiweyo, neyenqatha lobusi;
43 wathabatha, wadla emehlweni abo.
44 Uthe ke kubo, Ngawo la amazwi endawathethayo kuni ndisenani, okokuba zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam emthethweni kaMoses, nasebaprofetini, nasezindumisweni.
45 Wandula wayivula ingqiqo yabo, ukuze baziqonde izibhalo;
46 wathi kubo, Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu;