18 UMoya weNkosi uphezu kwam,Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu.Indithumé ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa,Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama,Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,
19 Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi.(UIsaya 61:1-2)
20 Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye.
21 Waqala ke ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.
22 Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe; babesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu?
23 Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuvé kwenzeké eKapernahum, kwénze nakowenu apha.
24 Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo.