37 Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla.
38 Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe yicesina enkulu; bambika kuye.
39 Wema phezu kwakhe, wayikhalimela icesina, yamyeka; evukile ke kwangoko, wamana ebalungiselela.
40 Kuthe ke bakubon' ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazìsa kuye; wazibeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa.
41 Zaye ke needemon ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu,* uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; ngokuba bezimazi ukuba unguye uKristu.
42 Kwakusa, waphuma waya endaweni eyintlango; zaye izihlwele zimfuna, zada zaza kufika kuye; zazimbambezela ukuba angemki kuzo.
43 Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko.