26 Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.
27 Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo.
28 Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
29 Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nóthabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi.
30 Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize.
31 Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.
32 Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni bayabathanda abo babathandayo.