1 Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum.
2 Waye ke umkhonzi womthethelikhulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha.
3 Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathuma kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumsindisa umkhonzi wakhe.
4 Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Úkufanele oko lowo ùngamenzelayo oko;
5 kuba úyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena.
6 Wahamba ke uYesu nabo.Akubon' ukuba ke àkasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungàzikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam;