31 Ithe ke iNkosi, Ndiya kubafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana?
32 Bafana nantoni na? Bafana nabantwana abahleli endaweni yembutho, bekhwazana besithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina analila.
33 Kuba uzile uYohane umbhaptizi engadli sonka, engaseli wayini; nithi ke, Únedemon.
34 Uzile uNyana woMntu esidla, esela; nithi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu nowaboni!
35 Noko ke ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo bonke.
36 Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wangqengqa.
37 Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni; wathi, àkwazi ukuba uhleli endlwini yomFarisi, wazisa ihlala lelabhastile,* linamafutha aqholiweyo.