3 noYohana, umfazi kaKuza, igosa likaHerode, noSusana, nabanye abaninzi; bona babemlungiselela ngeempahla zabo.
4 Ke kaloku, kwakubon' ukuba kuntontelene isihlwele esikhulu, bathi nabemizi ngemizi bawomela kuye.
5 Wathi ngomzekeliso, Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe yawa enye ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayigqiba.
6 Yimbi yawa elulwalweni, yathi isahluma, yatsha ngenxa yokuba ibingenakunyakama.
7 Yimbi yawa phakathi kwemithana enameva, yasuka imithana enameva yahluma kunye nayo, yayiminxa.
8 Yimbi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yahluma, yavelisa isiqhamo kalikhulu. Uthe ezithetha ezi zinto, waye edanduluka esithi, Lowo uneendlebe zokuva makeve.
9 Baye ke abafundi bakhe bembuza besithi, Úngaba uyintoni na lo mzekeliso?