4 Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba úya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziza kupheliswa.
5 Wabaphendula ke uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa bani;
6 kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye uKristu,* balahlekise into eninzi.
7 Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kuba ezo zinto zimelwe kukuhla, ukanti kona ukuphela akukabikho;
8 kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo.
9 Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.
10 Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.