50 zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
51 Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi.
52 Wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufana nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.
53 Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho.
54 Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla?
55 Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akuthiwa na nguMariya? Nabazalwana bakhe asingooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na?
56 Noodade bakhe àbakuthi apha bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto?