3 Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe.
4 Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye.
5 Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti.
6 Ke kaloku, kwakubon' ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode.
7 Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo.
8 Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.
9 Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe.