18 Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.
19 Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuyikhupha thina?
20 Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningáthi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.
21 Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
22 Ke kaloku, bakubon' ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, UNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu;
23 baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu avuke. Baba buhlungu kakhulu.
24 Ke, bakubon' ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile,* bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile?