20 Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana.
21 Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli.
22 Ke kaloku, akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuhamba asinge khona; wathi ke, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kumacala elaseGalili.
23 Ufiké wema emzini ekuthiwa yiNazarete; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, okokuba wobizwa ngokuthi ungowaseNazarete.