28 Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakala kubantu ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasene nomthetho.
29 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa,
30 nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti.
31 Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo bábulala abaprofeti.
32 Wuzaliseni kambe nani umlinganisela wooyihlo.
33 Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuwusaba umgwebo wesihogo?
34 Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi;