3 Ke kaloku, akubon' ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; úya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?
4 Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu.
5 Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu,* balahlekise into eninzi.
6 Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.
7 Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.
8 Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.
9 Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.