34 Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.
35 Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula.
36 Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; àzazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa.
37 Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu.
38 Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa,
39 bengaqondanga, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu.
40 Ngelo xesha ababini boba sentsimini, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe.