20 Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo.
21 Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.
22 Weza ke nalowo wamkela iitalente ezimbini, wathi, Nkosi, wandinika iitalente zambini; khangela, ndizuze esinye isibini seetalente phezu kwazo.
23 Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.
24 Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubùthe apho ungelelanga khona;
25 ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba; nanku unako okwakho.
26 Yaphendula ke inkosi yakhe yathi kuye, Mkhonzindini ukhohlakeleyo, ulivila, ubusazi nje ukuba ndivuna apho ndingahlwayelanga khona, ndibùthe apho ndingelelanga khona,