36 ndandizé, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.
37 Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sákubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza?
38 Sákubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uzé, sakwambesa?
39 Sákubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?
40 Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.
41 Úya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe.
42 Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza; ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini;