18 Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini.
19 Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso.
20 Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye;
21 njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma.
22 Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye;
23 mna ndikubo, wena ukum, ukuze babe ngabazalisekileyo ntweninye; ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.
24 Bawo, ndithanda ukuba nabo abo undiniké bona, babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona; ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi.