21 Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithetha kubo; uyabona, aba bayakwazi oko ndakuthethayo.
22 Ke kaloku, akubon' ukuba utshilo, elinye lamadindala, elalimi khona, lammonxoza uYesu, lathi, Wènjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu?
23 Waliphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethé kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethé kakuhle, undibethelani na?
24 UAnas wamthumela ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.
25 Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha; bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela yena wathi, Andinguye.
26 Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane salowo uPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye?
27 Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku.