19 Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon' ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akutsho, wababonisa izandla necala lakhe.
20 Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi.
21 Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina.
22 Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele;
23 abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.
24 Ke kaloku uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo,* wayengenabo oko wafikayo uYesu.
25 Babesithi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.