1 ERamatayim kwakukho mfo uthile ugama linguElikana, unyana kaJeroham, kaElihu, kaTowu wendlu kaZufi. Wayengowesizwe sakwaEfrayim kweleentaba.
2 Lo mfo wayenabafazi ababini, uHana noPenina. UPenina wayezala, kodwa uHana yena engafumani bantwana.
3 Minyaka le lo mfo wayedla ngokuya eShilo, aye kunqula *uNdikhoyo uThixo onamandla onke, anikele amadini. UHofeni noPineyasi, oonyana bakaEli, babengababingeleli bakaNdikhoyo apho.
4 Wayedla ngokuthi uElikana, ngomhla enze idini, akhuphe izabelo zikaPenina nezabantwana bakhe,
5 uHana yena amnike sibe sinye, naxa wayemthanda nje. Kaloku uHana wayeyivinjiwe inzala nguNdikhoyo.
6 Ngaphezu koko umka-ndod' akhe uPenina wayesoloko emcunukisa, emngcungcuthekisa ngokungazali kwakhe.
7 Yayisithi rhoqo le nto ukwenzeka xa beye kwaNdikhoyo eShilo minyaka le. UPenina wayesoloko emnukuneza ngokungazali kwakhe uHana, amtsho ade akhale ezimathontsi, angafuni nokutya oku.