24 Wathi akululumla usana lwakhe uHana, waya nalo eShilo, eqhuba inkunzi yenkomo eminyaka mithathu, ephethe neshumi leekhilogram zomgubo wengqolowa, nemvaba ezele yiwayini. Wahamba noSamweli, emsa endlwini *kaNdikhoyo eShilo, eselula njalo.
25 Yakuba iwile inkunzi yenkomo, usana lwasiwa kuEli.
26 UHana wathi kuEli: “Camagu, nkosi yam! Usaphila nje ulingqina lam lokuba ndingulaa mfazi wayemi apha ethandaza kuNdikhoyo.
27 Ndandicela lo mntwana, waza uNdikhoyo wasiva isicelo sam.
28 Ngoku ke ndimbuyisela kuNdikhoyo, kuba bonke ubomi bakhe bobalowo ucelwe kuNdikhoyo.” Emva koko ke uSamweli wakhonza uNdikhoyo apho eShilo.