1 Ke kaloku uSamweli urhole iqhaga elalinamafutha omnquma, wawagalela entloko kaSawule, wamanga, wathi: “Uyakuthambisa *uNdikhoyo ukuze ulawule abantu bakhe.
2 Ukwahlukana kwethu namhlanje uya kuhlangana namadoda amabini phaya ngakwingcwaba likaRakeli eZeleza kumda wakwaBhenjamin. Aya kuthi kuwe: ‘Eziya donki ubuye kuzikhangela zifumanekile, yaye noyihlo akasazidubi ngazo ngoku, seleziduba ngawe. Selesithi: “Yaz'ba ndiza kuyithini na into yokungabuyi konyana wam?” ’
3 “Ùya kudlula apho, uye kutsho eTabhore kumthi wom-oki, apho wohlangana khona namadoda amathathu esendleleni eya eBhetele ukuya kukhonza uThixo. Enye indoda yoba ithwele amatakane ebhokhwe amathathu, enye iphethe izonka ezithathu, enye ixwaye imvaba yewayini.
4 Loo madoda aya kukubulisa, akunike izonka ezibini, oya kuthi wena uzithathe.
5 Emva koko uya kufika kulaa nduli kaThixo iseGibheya, apho amaFilistiya anekampu yamajoni. Ekungeneni kwakho edolophini apho wohlangana nomgcelele *wabashumayeli, bevela endulini apho, behamba bebetha iihapu, amagubu, iimpempe, neekatala, beshumayela besemoyeni.
6 Nawe ke uya kungenwa nguMoya kaNdikhoyo ngamandla, utsho ungenelele kuloo ntshumayelo nakuloo ntsholo yabo, ube mntu wumbi.