2 UNahashe uthe ukuphendula: “Loo mnqophiso ndiya kuwenza kuphela xa sivanayo ukuba ndikrolonqe iliso lasekunene kumntu ngamnye, khon' ukuze ndiwahlazise amaSirayeli.”
3 Athe ukuphendula amadoda amakhulu aseJabheshe: “Khawusiphe iintsuku zibe sixhenxe, sikhe sithumele izigidimi kulo lonke elakwaSirayeli kuqala. Ukuba akakho osihlangulayo, sozincama sinikezele.”
4 Ezo zigidimi zaya kugaleleka eGibheya kuloSawule. Zathi zakuziphalaza ezo ndaba, basitsho abantu isikhalo.
5 Wayesafika evela emasimini neenkabi zakhe uSawule. “Kwenzeke ntoni ebantwini? Sisijwili sani esi basenzayo?” NguSawule obuzayo. Abantu bamxelela ezo ndaba zazize nezigidimi zaseJabheshe.
6 Akuyiva loo nto uSawule wafikelwa nguMoya kaThixo ngamandla, wabila ngumsindo.
7 Wathatha iinkabi zambini, wazihlahla zayimibengo, wathi izigidimi maziyise kulo lonke elakwaSirayeli, zihambe ziyala abantu zisithi: “Umntu ongayiyo emfazweni kunye noSawule noSamweli iinkabi zakhe zoba yimibengo.”AmaSirayeli onganyelwa kukuhlonela uNdikhoyo, aphuma onke, akwasala nempunde le.
8 USawule wawaqokelela eBhezeki. Yayingamakhulu mathathu amawaka amadoda avela kwaSirayeli, namashumi mathathu amawaka amadoda avela kwaJuda.