6 Akuyiva loo nto uSawule wafikelwa nguMoya kaThixo ngamandla, wabila ngumsindo.
7 Wathatha iinkabi zambini, wazihlahla zayimibengo, wathi izigidimi maziyise kulo lonke elakwaSirayeli, zihambe ziyala abantu zisithi: “Umntu ongayiyo emfazweni kunye noSawule noSamweli iinkabi zakhe zoba yimibengo.”AmaSirayeli onganyelwa kukuhlonela uNdikhoyo, aphuma onke, akwasala nempunde le.
8 USawule wawaqokelela eBhezeki. Yayingamakhulu mathathu amawaka amadoda avela kwaSirayeli, namashumi mathathu amawaka amadoda avela kwaJuda.
9 Izigidimi ezivela eJabheshe kwathiwa mazigoduke nomyalezo othi: “Ze niwaxelele amawenu nithi: ‘Ngomso oku, ngemini emaqanda, nobe nihlangulwe.’ ” Bavuya kakhulu wakufika loo myalezo abantu baseJabheshe.
10 Bathumela kuma-Amon, bathi: “Siyanikezela ngomso, yaye ningenza unothanda ngathi.”
11 Kwangentseni ngengomso uSawule wawenza amabutho amathathu umkhosi wakhe. Wasuka indulumbane ukuphuma kwekhwezi, wawahlasela ama-Amon. Kuthe kwakuba yimini emaqanda baba sebewaxhaxhile. Aba ziintsali amadoda asindileyo, iyileyo izihambela yodwa.
12 Emva koko amadoda aya kuSamweli, afika athi: “Aphi laa madoda ayesithi: ‘Singaphathwa nguSawule na thina?’ Wakhuphe, siwacime igama!”