14 Kuya kuba hele, kube chosi, ukuba nje uNdikhoyo uThixo wenu niyamhlonela, nimkhonze, nimphulaphule, ningaphikisani nomyalelo wakhe, koko nimlandele nikunye nokumkani wenu onilawulayo.
15 Kodwa ukuba animva uNdikhoyo, niphikisane nomyalelo wakhe, wonichasa njengoko wenjenjalo kooyihlo-mkhulu.
16 “Ngoku ke, yimani ngxishi, khon' ukuze nikubone oko kukhulu aza kukwenza uNdikhoyo.
17 Naxa ilixesha lokuvuna ingqolowa eli, ndiza kutsho kuNdikhoyo ahlise imvula neendudumo. Niya kuqonda ke ukuba imbi kuNdikhoyo le nto yokufuna kwenu ukumkani.”
18 Wathandaza wabhekisa kuNdikhoyo ke uSamweli, kwaza kwangaloo mini kwafika iindudumo kunye nemvula, zithunyelwe nguNdikhoyo. Abantu ke ngoko bamoyika uNdikhoyo ngokunjalo noSamweli.
19 Bonke bathi kuSamweli: “Sithandazele kuNdikhoyo uThixo wakho, singafi, thina zicaka zakho. Kuzo zonke izono zethu ebesikade sizenza songeze nobu bubi bokuzicelela ukumkani.”
20 USamweli wathi: “Ze ningoyiki! Ewe kambe, naxa nenze bonke obu bubi, nize ningaphambuki nimke kuNdikhoyo, koko nize nimkhonze ngomxhelo uphela.