2 uSawule wakhetha amawaka amathathu amadoda akwaSirayeli. Amawaka amabini asala naye eMikimashe naseBhetele kweleentaba. Elinye iwaka walithumela eGibheya kummandla wakwaBhenjamin kunye noJonatan. Amanye amadoda wathi makagoduke.
3 UJonatan wahlasela ikampana yamaFilistiya eyayiseGebha. Yaduma kwelamaFilistiya into yokuba amaSirayeli avus' umnyele. USawule wathumela izigidimi ukuba zihambe zibeth' izigodlo kulo lonke, zithi: “Bekan' iindlebe, maHebhere!”
4 Weva ke uSirayeli ephela, kusithiwa: “USawule uyihlasele ikampana yamaFilistiya, asuka amaSirayeli aba lizothe kumaFilistiya.” Amadoda akwaSirayeli abizelwa kuSawule eGiligali.
5 AmaFilistiya aqokelela umkhosi wokulwa namaSirayeli. Yaba ngamashumi amathathu amawaka eenqwelo zokulwa, namawaka amathandathu amadoda akhwele kuzo, nenyambalala yamajoni. Enjenjeya ukuya kumisa ikampu yawo eMikimashe ngasempumalanga yeBhetaven.
6 Athi amadoda akwaSirayeli akubona ukuba mbi kwemeko yawo, nokuxinwa komkhosi wawo, asuka aya kuziqhusheka emiqolombeni nasezihlahleni, ezixhotyeni zamawa, emihadini, nasemaquleni.
7 Amanye amaHebhere awelela ngaphesheya kweJordan kwimimandla yakwaGadi naseGiliyadi.Wasala eGiligali yena uSawule, esankwantya luloyiko amadoda awayesele naye.
8 Walinda iintsuku zasixhenxe, njengoko wayeyalelwe nguSamweli. Akafika yena uSamweli eGiligali. Amadoda kaSawule aya echithakala,