4 Weva ke uSirayeli ephela, kusithiwa: “USawule uyihlasele ikampana yamaFilistiya, asuka amaSirayeli aba lizothe kumaFilistiya.” Amadoda akwaSirayeli abizelwa kuSawule eGiligali.
5 AmaFilistiya aqokelela umkhosi wokulwa namaSirayeli. Yaba ngamashumi amathathu amawaka eenqwelo zokulwa, namawaka amathandathu amadoda akhwele kuzo, nenyambalala yamajoni. Enjenjeya ukuya kumisa ikampu yawo eMikimashe ngasempumalanga yeBhetaven.
6 Athi amadoda akwaSirayeli akubona ukuba mbi kwemeko yawo, nokuxinwa komkhosi wawo, asuka aya kuziqhusheka emiqolombeni nasezihlahleni, ezixhotyeni zamawa, emihadini, nasemaquleni.
7 Amanye amaHebhere awelela ngaphesheya kweJordan kwimimandla yakwaGadi naseGiliyadi.Wasala eGiligali yena uSawule, esankwantya luloyiko amadoda awayesele naye.
8 Walinda iintsuku zasixhenxe, njengoko wayeyalelwe nguSamweli. Akafika yena uSamweli eGiligali. Amadoda kaSawule aya echithakala,
9 waza ke wathi: “Sondezani kum izinto zokwenza amadini atshiswayo namadini obudlelane.” Zithe zakusiwa, wanikela idini elitshiswayo.
10 Kuthe kanye xa agqibezelayo, wagaleleka uSamweli. USawule waya kumhlangabeza, ethakazela.