7 Amanye amaHebhere awelela ngaphesheya kweJordan kwimimandla yakwaGadi naseGiliyadi.Wasala eGiligali yena uSawule, esankwantya luloyiko amadoda awayesele naye.
8 Walinda iintsuku zasixhenxe, njengoko wayeyalelwe nguSamweli. Akafika yena uSamweli eGiligali. Amadoda kaSawule aya echithakala,
9 waza ke wathi: “Sondezani kum izinto zokwenza amadini atshiswayo namadini obudlelane.” Zithe zakusiwa, wanikela idini elitshiswayo.
10 Kuthe kanye xa agqibezelayo, wagaleleka uSamweli. USawule waya kumhlangabeza, ethakazela.
11 Wasuka uSamweli wabuza wathi: “Yintoni le uyenzileyo, Sawule?”Uphendule ngelithi uSawule: “Hayi, ndithe ndakubona amadoda echithakala, nawe ungafiki ngexesha obuthe uya kufika ngalo, namaFilistiya eqokelelana eMikimashe,
12 ndaqonda ukuba la maFilistiya ngahle asihlasele apha eGiligali singekabhekisi *kuNdikhoyo. Ndeva ndinyanzelekile ke ukuba ndinikele idini elitshiswayo kuNdikhoyo.”
13 “Wenze ubudenge ke khona!” kutsho uSamweli. “Uwutyeshele umyalelo kaNdikhoyo uThixo wakho. Ukuba ubumthobele uNdikhoyo ubukumkani bakho kwaSirayeli bebuya kuma bumi.