1 Ke kaloku uSamweli wabhekisa kuSawule wenjenje: “Ndim owathunywa *nguNdikhoyo ukuba ndikuthambise ube ngukumkani wabantu bakhe amaSirayeli. Phulaphula ke ngoku, uve udaba oluvela kuNdikhoyo. UNdikhoyo uThixo onamandla onke utsho ukuthi:
2 ‘Ama-Amaleki ndiza kuwohlwaya ngenxa yokuba ookhokho bawo bawalalela amaSirayeli xa wayevela eJiputa.
3 Yiya kuwahlasela ama-Amaleki, utshayele konke okukokwawo. Ungashiyi nto; ubulale indoda, umfazi, umntwana, nkqu nosana olu lwembala; kufe zinkomo, zigusha, zinkamela, kunye nezo donki zawo.’ ”
4 Wawuhlanganisela eTelayim wonke umkhosi wakhe uSawule, apho wafika wawumisa ngezintlu. Loo mkhosi wawungamakhulu amabini amawaka amajoni akwaSirayeli, kunye neshumi lamawaka lamajoni avela kwaJuda.
5 Wesuka apho naloo mkhosi, waya kulalela ama-Amaleki kufuphi nesixeko sawo, ezindongeni zomfula.
6 Wathi kumaKeni: “Phumani nimke phakathi kwama-Amaleki, ukuze ningachatshazelwa ligazi xa ndiwatshabalalisayo. Kaloku ookhokho benu baba novelwano kumaSirayeli ukufuduka kwawo eJiputa.” Emka ke amaKeni phakathi kwama-Amaleki.
7 Wawaswantsulisa uSawule ama-Amaleki, zinqoza okoko ukusuka eHavila kuye kutsho eShure ngasempumalanga yaseJiputa.