25 Ndincede undixolele isono sam, undikhaphe, ndiye kuqubuda kuNdikhoyo.”
26 “Hayi, andizi kuhamba nawe. Kaloku wena ulikhabile ilizwi likaNdikhoyo, naye ke uNdikhoyo ukukhiqile ekulawuleni,” utshilo uSamweli.
27 Uthe gwiqi uSamweli, eza kumshiya apho. USawule yena wamthi hlasi ngesondo lengubo, yakrazuka.
28 Uthe ke uSamweli: “Namhlanje uNdikhoyo ulukrazule kuwe ulawulo lwamaSirayeli, walunika ummelwane wakho olungileyo kunawe.
29 USimakade uThixo kaSirayeli akaxoki yena, yaye akaguquguquki. Kaloku akangomntu ulala neli avuke neli.”
30 Waphendula uSawule wathi: “Ewe kambe, ndonile. Kodwa ke wena bonakalisa imbeko kum phambi kwezithwala-ndwe zamajoni am nangaphambi kwamaSirayeli. Ndikhaphe ndiye kuqubuda kuNdikhoyo uThixo wakho.”
31 Wamkhapha ke uSamweli, waza uSawule waqubuda kuNdikhoyo.