1 *UNdikhoyo wathi kuSamweli: “Koda kube nini uzingcungcuthekisa ngenxa kaSawule? Ndimkhiqile ekulawuleni amaSirayeli. Zalisa iqhaga lakho ngamafutha omnquma, uye eBhetelehem kwaJese, kuba ndityumbe omnye koonyana bakhe ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli.”
2 Ubuze wenjenje uSamweli: “Ndingathini ukuya? Angandibulala uSawule ukuyiva kwakhe loo nto!”UNdikhoyo uthe kuSamweli: “Uze uqhube ithokazi lenkomo, uthi uye kwenza idini apho.
3 Uze ufike umeme uJese eze kwelo dini. Mna ke ndokuxelela into omawuyenze, ndikubonise nomntu omawumthambise abe ngukumkani.”
4 USamweli wenjenjeya ukusinga eBhetelehem, ethunywe nguNdikhoyo. Wahlangatyezwa ngamadoda amakhulu edolophu, egubha kukoyika. Ambuza esithi: “Ngaba uze ngoxolo?”