3 UJonatan wanqophisana noDavide, kuba wayemthanda ngale ndlela awazithanda ngayo yena.
4 Wakhulula umnweba awayewambethe uJonatan, wawunika uDavide, kunye nesinxibo sakhe sobujoni, nekrele lakhe, nesaphetha, nebhanti yakhe.
5 UDavide wayephumelela kuyo yonke imicimbi athunywa yona nguSawule, waza ke uSawule wamnyusela wamenza umphathi emkhosini wakhe. Eso senzo sabakholisa bonke abantu kunye namagosa omkhosi kaSawule.
6 Ukubuya kukaDavide kunye nomkhosi emfazweni, emva kokuba wayebulele uGoliyati, baphuma bonke abafazi beedolophu zakwaSirayeli, beze kuhlangabeza ukumkani uSawule. Babesombela, bengqungqa, bebetha iintambula neekatala.
7 Babevuma bengqungqa besithi:“Wabulal' amawaka uSawule;yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi.”
8 USawule akazange ayithande loo nto, wacaphuka gqitha. Wavakala esithi: “UDavide bambalela amashumi ngamashumi amawaka, kodwa mna bandibalela amawaka ngamawaka nje. Selibubukumkani nje into angekabi nayo!”
9 Waba nomona ke uSawule, wasoloko embeke esweni uDavide ukususela loo mini.