1 Ke kaloku uSawule waxelela unyana wakhe uJonatan kunye namaphakathi akhe ukuba uDavide makabulawe. Phofu uJonatan wayevana kakhulu noDavide.
2 Usuke ke uJonatan waya kuchazela uDavide, esithi: “Ubawo uzama indlela yokukubulala; uze ulumke ke ngomso kusasa. Uze uye kufuna indawo yokuzimela, uhlale apho.
3 Mna ndiza kuya nobawo apho endle, ndifike ndime naye kuloo ndawo uzimele kuyo, ndithethe ngawe kuye. Ukuba ndive nto yimbi, ndobe ndikwazise.”
4 UJonatan wathetha ngoDavide kuSawule, emncoma esithi: “Mhlekazi, noko ngewungamenzi nto imbi umkhonzi wakho uDavide; akukho nto wakha wakona ngayo. Usuke waba luncedo kakhulu kuwe ngayo yonke into ayenzileyo.
5 Nangamhla wabulala uGoliyati obakhe ubomi wabubeka esichengeni, waza *uNdikhoyo wawanika uloyiso olukhulu amaSirayeli. Yaye nawe wavuya kakhulu ukuyibona le nto. Yini na ukuba wone umntu ongenatyala, umbulale uDavide kungekho sizathu?”
6 Yavakala le ntetho kaJonatan kuSawule, watsho wafunga wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, akayi kubulawa uDavide.”
7 Emva koko ke uJonatan wambiza uDavide, wamchazela ngengxoxo yakhe noyise. Ukusuka apho waya naye kuSawule, waza ke uDavide wabuyiselwa kwasesikhundleni sakhe komkhulu.