31 Iyeza imihla endiza kuwashunqula amandla akho namandla endlu kayihlo, khon' ukuze ingabikho ingwevu kumlibo wenu.
32 Niya kubona imbandezelo endaweni yam, naxa amanye amaSirayeli aya kuba nempumelelo. Ewe, akusayi kubuya kubekho nkonde kowenu.
33 Nokuba kungakho omnye wenzala yakho osasondela eqongeni, naloo nto iseza kukulilisa ikuhluphe, kuba inkoliso yamadoda endlu yakho iya kufa iselula.
34 “ ‘Into eya kufikela uHofeni noPineyasi oonyana bakho iza kuba ngumqondiso kuwe wale nto yonke endiyithethileyo. Bona baza kufa ngamini-nye.
35 Ndiza kumisela owam umbingeleli onyanisekileyo, oya kwenza intando yam yonke. Ndiya kuyizinzisa indlu yakhe, andikhonze lonke ixesha phambi kokumkani otyunjwe ndim.
36 Bonke abomzi wakho abaya kusinda baya kuya kuloo mbingeleli wam, bazithobe kuye, bacele imali nento etyiwayo, bathi: “Ndivumele ukuncedisa ababingeleli, khon' ukuze ngaloo ndlela ndizuze into etyiwayo.” ’ ”