1 Ukusuka apho uDavide waya kwambingeleli uAhimeleki eNobhi. Wamhlangabeza uAhimeleki esoyika, wambuza esithi: “Kutheni uhamba wedwa nje? Kutheni kungekho bani ukukhaphayo nje?”
2 Uphendule wenjenje uDavide: “Ndize apha ngokuthunywa ngukumkani. Yaye uthe ze ndingaluxeleli mntu udaba andithume lona. Ndithe kumadodana am siya kudibana endaweni ethile.
3 Ngaba akunanto ityiwayo apha? Ndiphe izonka noba zihlanu, okanye nantoni ongaba unayo.”
4 Uthe umbingeleli: “Akukho sonka siqhelekileyo sikhoyo apha; kuphela kwesonka esikhoyo sesingcwalisiweyo. Phofu ungasifumana xa loo madodana akho engakhange ahlangane nabantu ababhinqileyo kutshanje.”
5 UDavide wamphendula umbingeleli wathi kuye: “Inene, asidibani nabantu ababhinqileyo xa sihambela umcimbi, nokuba ngongephi, andithethi ke xa kungumcimbi omkhulu njengalo siwuphetheyo.”
6 Umbingeleli ke wamnika uDavide eso sonka singcwalisiweyo, kuba kwakungekho sonka simbi ngaphandle kweso sasinikelwe kuNdikhoyo. Sasisesisusiwe esibingelelweni, sekubekwe esitsha.
7 UDowegi wase-Edom, induna yabelusi bakaSawule, wayekho apho ngaloo mini, ehlaliswe endlwini kaNdikhoyo.