3 Endleleni apho uSawule wafika kwindawo eneentango zeegusha. Apho bekukho umqolomba, waza uSawule wangena kuwo, efuna ukuya kuzithuma. Yayinguloo mqolomba kanye wayezímele kuwo uDavide namadoda akhe, besengontsini phakathi kanye.
4 Athi amadoda akhe akuyibona loo nto: “Nali ithuba lakho! Akazanga atsho *uNdikhoyo ukuthi wolunikela kuwe utshaba lwakho, wenze nantoni na ofuna ukuyenza ngalo?” Wachwechwa ke uDavide, wafika wasika isondo lesambatho sikaSawule, phofu uSawule engakuqondi okuqhubekayo.
5 Loo nto wayenza kuSawule yamdla kakhulu uDavide.
6 Wathi kumadoda akhe: “Makandithintele uNdikhoyo ekwenzeni into enje kwinkosi yam umthanjiswa kaNdikhoyo, nditsho le yokuba ndise isandla sam kuye, kuba kaloku ungumthanjiswa kaNdikhoyo!”
7 Wawakhalimela ngaloo mazwi uDavide amadoda akhe, wawanqanda ukuze angamhlaseli uSawule.Wesuka kuloo ndawo uSawule, wangena endleleni.
8 UDavide waphuma emqolombeni, wamlandela ekhwaza esithi: “Wa, mhlekazi, nkosi yam!” Wajika wakhangela ngasemva uSawule. Wawa ngobuso emhlabeni uDavide ekhahlela.
9 Waqhuba wenjenje: “Mhlekazi, kungani na ukuba uhambisane nolwimi oluthi mna ndizungula ukukwenzakalisa?