2 Wanduluka ke uDavide kunye namadoda akhe angamakhulu amathandathu, benjenjeya ukusinga kwa-Akishe, unyana kaMawoki, ukumkani waseGati.
3 Bafumana indawo ke apho ooDavide namadoda akhe, bahlala neentsapho zabo kwelo zwe. UDavide wayehamba nabo abafazi bakhe uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele.
4 USawule akuva ukuba uDavide wasabela eGati, wanikezela, wayeka ukumzingela.
5 Wathi uDavide kuAkishe: “Ukuba uyakholwa ndim, ndinike idolophana kwezisemaphandleni, ndihlale kuyo. Akukho nto ithi mandihlale apha komkhulu kunye nawe, mhlekazi.”
6 Ukumkani uAkishe wamnika idolophu iZikelage. Kususela loo mini ke iZikelage yaba phantsi kolawulo lweekumkani zakwaJuda.
7 Apho eFilistiya uDavide wahlala unyaka oneenyanga ezine.
8 Ngelo xesha ke uDavide namadoda akhe babemana behlasela amaGeshuri namaGezere kunye nama-Amaleki. Kwamandulo ezi zizwe zazimi kuloo mmandla osuka eShure, uthi ga ngelamaJiputa.