1 Amabutho amaFilistiya aqokelelana eAfeki, waza umkhosi wamaSirayeli waya kumisa ngakumthombo waseYizereli.
2 Zaphuma iikumkani zamaFilisitiya, zihamba namabutho azo angamakhulu-khulu namawaka-waka. Yena uDavide namadoda akhe babelandela ngasemva, behamba kunye nokumkani uAkishe.
3 Zidumzele iinkokheli zamaFilistiya zakubabona, zathi: “La maHebhere afuna ntoni apha?”Kuphendule ukumkani uAkishe kweso sithuba, wathi: “Ngumphakathi kakumkani uSawule lo, uDavide. Selenethuba elide elapha kum, yaye andifumananga sikhwasilima kuye okoko wafikayo apha kum.”
4 Azimhoyanga iinkokheli zamaFilistiya, zaba nomsindo, zathi: “Makahambe lo mfo apha, aye kulaa dolophu wamnika yona. Makangayi kunye nathi emfazweni, hleze asijikele xa lishushu idabi. Leyo ingaba yindlela elula angaxolisa ngayo inkosi yakhe ngokubulala amadoda omkhosi wethu.
5 Kanene, asinguye na lo Davide bakha bombelela ngaye abafazi besithi: ‘USawule ubulele amawaka, kodwa yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi’?”
6 UAkishe ke wabiza uDavide, waza wathi kuye: “Davide, ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, wena unyanisekile, ndaye bendingathandayo ukuba siye kunye kule mfazwe, kuba andifumananga sikhwasilima kuwe konke okoko wafikayo apha kum. Kambe ke abanye abaphathi àbakholwa bubukho bakho.
7 Phindel' emva ngoxolo ke, mfo wam, ungakhe wenze nto abanokuthi bayigxeke.”