6 UAkishe ke wabiza uDavide, waza wathi kuye: “Davide, ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, wena unyanisekile, ndaye bendingathandayo ukuba siye kunye kule mfazwe, kuba andifumananga sikhwasilima kuwe konke okoko wafikayo apha kum. Kambe ke abanye abaphathi àbakholwa bubukho bakho.
7 Phindel' emva ngoxolo ke, mfo wam, ungakhe wenze nto abanokuthi bayigxeke.”
8 Wabuza wathi uDavide: “Ndenzeni, mhlekazi? Wena ubone sikhwasilima sini na kum oko ndafikayo apha? Ngani ndingavunyelwa nje ndihambe nawe, mhlekazi, ndiye kulwa neentshaba zenkosi yam?”
9 “Ngeba nditsho nam, Davide.” NguAkishe ke lowo. “Mna ndikubona unyaniseke ngokungathi usisithunywa sikaThixo. Kodwa ke ezinye iinkokheli zithi asinako ukuya nawe emfazweni.
10 Kufuneka ke ngomso oku, wena namadoda akho, enamshiyayo uSawule neza kum, nivuke ekuseni, ninduluke kusathi qhekre ukusa.”
11 Banduluka ekuseni ke ngengomso ooDavide ukubuyela kwelamaFilistiya. AmaFilistiya wona ajonga phambili eYizereli.