13 Phofu ke sendimxelele ukuba umzi wakowabo ndiza kuwohlwaya ngokupheleleyo ngenxa yesono asaziyo soonyana bakhe. Kaloku oonyana bakhe balinyelisa igama lam, waza yena akabakhalimela.
14 Ke ngoko ndifunge ndathi kumzi kaEli: ‘Akukho dini namnikelo uya kuze ube nako ukulicamagushela ityala lakho.’ ”
15 USamweli wangqengqa kwada kwasa. Uthe akuvuka, wavula iingcango zendlu yakwaNdikhoyo. Woyika ukubalisela uEli ngombono wakhe.
16 Ke kaloku uEli wambiza uSamweli, wathi: “Samweli, mfo wam!”Waphendula uSamweli wathi: “Ndim lo!”
17 Wambuza esithi: “Lizwi lini na eli uNdikhoyo alithethe kuwe? Musa ukundifihlela; ndixelele. UThixo uya kuba nento yokwenza nawe ukuba akundixeleli into yonke ayithethileyo.”
18 Wachaza konke ke uSamweli, akafihla nto. Watsho wathi uEli: “Nguye uNdikhoyo; makenze loo nto abona ukuba ifanele ukwenziwa.”
19 Waya ekhula uSamweli, uNdikhoyo enaye, zaza nezinto ezathethwa nguSamweli zazalisekiswa.