10 angamakhulu amabini awayedinwe kangangokuba angabi nako ukuyiwela loo ntlambo. Wabheka phambili yena uDavide kunye namakhulu amane amadoda,
11 abhaqa umJiputa endle apho, aza amsa kuDavide. Ampha ukutya, watya; amnika namanzi, wathoba unxano;
12 ampha nomqwayito wamafiya kunye nezikhinkci zeerasentyisi zazibini. Uthe akugqiba ukutya, waziva edlamkile. Kaloku kwakusekuziintsuku ezintathu engafumani nto ityiwayo, nditsho neyokuthoba unxano.
13 Emva koko ke uDavide wambuza wathi: “Khawutsho ke, ungokabani, uphuma phi?”“Mna ndingumJiputa, ikhoboka lomAmaleki,” kuphendula umfo lowo. “Ndishiywe yinkosi yam, kuba ndisuke andaphila. Sekuziintsuku ezintathu ngoku.
14 Sasiye kuthimba kulaa mmandla wamaKreti ukumazantsi elakwaJuda, sadlulela kummandla wakwaKalebhi, senjenjeya saya kutshisa iZikelage.”
15 “Ungasisa apho bakhoyo abo banqolobi?” kubuza uDavide.Wenjenje ukuphendula: “Ewe, ndinganisa ukuba ungafunga uThixo ukuba anizi kundibulala okanye nindinikele kwinkosi yam.”
16 Emva koko ke loo mfo wabasa ooDavide apho babemise kona abanqolobi.Babethe saa abanqolobi abo kuloo ndawo, kutyiwa, kuselwa, kubhiyozelwa amaxhoba angako awayethinjwe kwelamaFilistiya nakwaJuda.