12 Kwabakho mfo uthile wakwaBhenjamin owaxhina ukusuka edabini, waya kugaleleka eShilo kwangaloo mini. Izambatho zakhe zazikrazukile, intloko izele luthuli.
13 Ukufika kwaloo mfo uEli wayehleli ecaleni kwendlela, ejonge enkalweni, exhalele ityesi yomnqophiso. Loo ndoda yaziphalaza esixekweni ezo ndaba zimbi, kothuka wonke umntu, yaba sisikhalo sodwa.
14 Akusiva eso sijwili uEli wabuza wathi: “Yintoni unobangela wale ngxolo?” Loo ndoda yakhawuleza yaya kuEli. (
15 Wayeselemashumi alithoba nesibhozo ubudala uEli, selephants' ukuba yimpumputhela yexhego.)
16 Yamxelela loo ndoda uEli, yathi: “Ndibhungce edabini kwanamhlanje, ndaxhina okoko ukuza apha.”“Kwenzekeni, mfo wam?” kubuza uEli.
17 Wathi loo mfo ubhunce edabini ukuphendula: “AmaSirayeli aswantsulisiwe ngamaFilistiya, yaye kufe amaSirayeli amaninzi, noonyana bakho uHofeni noPineyasi baphakathi kwaloo madoda awileyo. Ndithi kuthinjwe nkqu netyesi kaThixo leyo.”
18 Uthe akuva kukhankanywa netyesi yomnqophiso uEli, waphequka kweso sihlalo sakhe ngasesangweni, wophuka ilungu lentamo, wafa. Kaloku wayeselaluphele, ekwanesiqu. Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka engamashumi amane.