4 Kwathunywa izigidimi eShilo ukuba ziye kuphuthuma ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo onamandla onke, yena ongqongwe *zizithunywa ezimaphiko. Kweza noonyana bakaEli uHofeni noPineyasi, bekhapha ityesi yomnqophiso.
5 Atsho ngentlokomakazi enkulu amaSirayeli ukufika kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo ekampini, watsho wanyikima umhlaba!
6 Athi akuyiva loo ntswahla amaFilistiya, athi: “Yeyantoni na le ntsholo ingaka ekampini yamaSirayeli?” Athe akuva ukuba kufike ityesi kaNdikhoyo ekampini yamaSirayeli,
7 ankwantya kukoyika amaFilistiya, esithi: “Kufike uThixo ekampini yamaSirayeli! Yehaa! Ayizange ibekho into enjengale ngaphambili!
8 Sifile thina! Yaz'ba sosinda kanjani na esandleni salo Thixo unamandla? Asinguye na owabatshabalalisela entlango ngezibetho amaJiputa?
9 Yomelelani, maFilistiya! Yibani ngamadoda, hleze nathi sibe zizicaka zamaSirayeli kanye njengoko nawo ayezizicaka zethu! Kuf' ayayo, madoda!”
10 Alwa ke amaFilistiya, awaswantsulisa amaSirayeli, aya kutshona ngezindlu zawo. Kwajub' ugodo kwelo dabi, kwawa amashumi amathathu amawaka amajoni akwaSirayeli.