8 Sifile thina! Yaz'ba sosinda kanjani na esandleni salo Thixo unamandla? Asinguye na owabatshabalalisela entlango ngezibetho amaJiputa?
9 Yomelelani, maFilistiya! Yibani ngamadoda, hleze nathi sibe zizicaka zamaSirayeli kanye njengoko nawo ayezizicaka zethu! Kuf' ayayo, madoda!”
10 Alwa ke amaFilistiya, awaswantsulisa amaSirayeli, aya kutshona ngezindlu zawo. Kwajub' ugodo kwelo dabi, kwawa amashumi amathathu amawaka amajoni akwaSirayeli.
11 Yathinjwa ngamaFilistiya ityesi yomnqophiso kaThixo, oonyana bakaEli uHofeni noPineyasi basala apho itshoba lilel' umbethe.
12 Kwabakho mfo uthile wakwaBhenjamin owaxhina ukusuka edabini, waya kugaleleka eShilo kwangaloo mini. Izambatho zakhe zazikrazukile, intloko izele luthuli.
13 Ukufika kwaloo mfo uEli wayehleli ecaleni kwendlela, ejonge enkalweni, exhalele ityesi yomnqophiso. Loo ndoda yaziphalaza esixekweni ezo ndaba zimbi, kothuka wonke umntu, yaba sisikhalo sodwa.
14 Akusiva eso sijwili uEli wabuza wathi: “Yintoni unobangela wale ngxolo?” Loo ndoda yakhawuleza yaya kuEli. (